Isankwana esihle

No Image Available

Isankwana esihle

 Author: Ilima Publishers (Pty) Ltd  Category: Grade 1, isiXhosa, Level 2  Publisher: Ilima Publishers (Pty) Ltd  ISBN: ISBN 978 177604 256 2  Language: Xhosa More Details
 Description:

EziNcwadi zaMabali ezibandakanywe kolu luhlu, zihlelwe ngokwe mixholo efanele abafundi bala mabanga kunye nezinga elifanelekileyo lolwimi.

Izinga lokuqala -Abasaqalayo. Ezi Ncwadi zaMabali ezilungiselelwe abafundi abasaqalayo ziqulathe amabalana amnandi nafundeka lula, kuba kaloku abhalwe ngolwimi olulula nolufikelelekayo kubafundi beli zinga. Lonto ke yenza ukuba kube lula kubafundi ukuwalandela la mabalana ngoko. Oku kwenza futhi ukuba abafundi abasaqalayo bakonwabele ukufunda.

Izinga lesibini -Abaphakathi. La mabalana alungiselelwe abafundi abakwizinga eliphakathi lokufunda. Ulwimi olusetyenzisiweyo ukuwabhala luyafikeleleka kubafundi be li zinga. Lamabalana amnandi kwaye anikeza umdla, ekhulisa nolwazi ngolwimi kwakunye nobuchule bokulisebenzisa. Ulwimi kwezincwadi lusetyenziswe ngendlela emnandi enikeza umdla; nenikeza ithuba lokufunda kunye nokufumana izakhono ezintsha zesigama, kwaye inokunceda abafundi bafunde ulwimi.

Izinga lesithathu -Abaphezulu. Njengoko ezi ncwadi zilungiselelwe abafundi abakwizinga eliphezulu lokufunda, ziqulathe amabali aphuhlisa isakhono sokusebenzisa ulwimi kwizinga eliphezulu. Zibonakalisa imibhalo echaza isiqulatho esongezelelweyo, iinkcukacha, kunye nemfuno ephezulu kubuchule bolwimi. Ulwimi lutyetyiswe ngakumbi ukuze abafundi bafumane ukwandisa ulwazi lwabo, kukwakho neziqulatho ezininzi ezinokufunyanwa kwaye zihlalutywe. La mabali abhalwe ngohlobo olumnandi olunikeza umdla, lo gama linikeza abafundi ithuba lokufunda nokuziqhelanisa nezakhono zolwimi ngakumbi.